-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Ezequiel 13:17|
Wena ke, nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kwiintombi zabantu bakowenu, eziprofeta okweentliziyo zazo.
-
18
|Ezequiel 13:18|
Uze uprofete ngazo, uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke, abo bathunga izibophelelo ezihlahleni zezandla zonke, benze izigubungelo ezilingene iintloko zonke, ukuze bathiyele imiphefumlo! Nithiyele imiphefumlo yabantu bam, nasindisa eyenu imiphefumlo.
-
19
|Ezequiel 13:19|
Nindihlambele kubantu bam ngenxa yerhasi esutywe ngezandla, nangenxa yamaqhekeza esonka, ukuze nibulale imiphefumlo ebingeyakufa, nisindise imiphefumlo ebingeyakusindiswa, ngamanga enu ebantwini bam abava amanga.
-
20
|Ezequiel 13:20|
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndizichasile izibophelelo zenu, enithiyela ngazo imiphefumlo njengeentaka. Ndiya kuziqhawula ezingalweni zenu, ndiyindulule imiphefumlo, kwaimiphefumlo eniyithiyeleyo njengeentaka.
-
21
|Ezequiel 13:21|
Ndozikrazula izigubungelo zenu, ndibahlangule abantu bam esandleni senu, bangabi saba yinto ethiyelwayo esandleni senu; nazi ukubandinguYehova.
-
22
|Ezequiel 13:22|
Ngenxa enokuba niyenze buhlungu ngobuxoki intliziyo yelungisa, endingalenzanga buhlungu mna; nazomeleza izandla zongendawo, ukuze angabuyi endleleni yakhe embi, asindiswe:
-
23
|Ezequiel 13:23|
ngako oko aniyi kuyibona into ekhohlakeleyo ningabi savumisa nokuvumisa; ngokuba ndiya kubahlangula abantu bam esandleni senu; nazi ukuba ndinguYehova.
-
1
|Ezequiel 14:1|
Kwafika kum amadoda akumadoda amakhulu akwaSirayeli, ahlala phantsi phambi kwam.
-
2
|Ezequiel 14:2|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
3
|Ezequiel 14:3|
Nyana womntu, la madoda anyuse izigogo zawo ezintliziyweni zawo, amisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bawo; ndingaquqelwa ndiquqelwe ngawo na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7