-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Ezequiel 12:5|
Gqobhoza eludongeni emehlweni abo, uyikhuphe ngakhona.
-
6
|Ezequiel 12:6|
Yithwale ngamagxa emehlweni abo, yikhuphe kwakuba mnyama; bugqubuthele ubuso bakho, ungalikhangeli ilizwe; ngokuba ndikwenze isimanga kwindlu kaSirayeli.
-
7
|Ezequiel 12:7|
Ndenjenjalo, njengoko ndawiselwa umthetho ngako; ndayikhupha emini impahla yam ngokwempahla yemfuduka; ngokuhlwa ndazigqobhozela eludongeni ngesandla, ndayikhupha kwakuba mnyama, ndayithwala ngamagxa eme hlweni abo.
-
8
|Ezequiel 12:8|
Kwafika ilizwi likaYehova kum kusasa, lisithi,
-
9
|Ezequiel 12:9|
Nyana womntu, indlu kaSirayeli, indlu eneenkani, ayitshongo na kuwe ukuthi, Wenza ntoni na?
-
10
|Ezequiel 12:10|
Yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Esi sihlabo sisingisele kwisikhulu esiseYerusalem, nakwindlu yonke kaSirayeli, abaphakathi kwayo abathinjiweyo.
-
11
|Ezequiel 12:11|
Yithi, Ndisisimanga kuni; njengoko ndenze ngako, kuya kwenzeka ngokunjalo kubo; baya kufuduswa, bathinjwe.
-
12
|Ezequiel 12:12|
Isikhulu esiphakathi kwabo siya kuyithwala ngamagxa kuthe thsu mnyama, siphume; baya kugqobhoza eludongeni ukuba bayikhuphe ngakhona; siya kugqubuthela ubuso baso sona, kuba singayi kulikhangela ilizwe ngamehlo.
-
13
|Ezequiel 12:13|
Ndiya kuwutwabulula umnatha wam phezu kwaso, sibanjiswe ngumgibe wam, ndisise eBhabheli, ezweni lamaKaledi; ke asiyi kulibona, noko siya kufela khona.
-
14
|Ezequiel 12:14|
Ndiya kukuchithachitha emimoyeni yonke konke esiphahlwe kuko, abancedisi baso namahlelo aso onke, ndirhole ikrele emva kwabo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10