-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
14
|Ezequiel 19:14|
Kuphume ke umlilo emahlamvini amasebe awo, wazitshisa iziqhamo zawo, akwabakho sebe liqinileyo kuwo, lokuba yintonga yokulawula. Sisijwili ke, saye siya kuba sisijwili.
-
1
|Ezequiel 20:1|
Ke kaloku kwathi ngomnyaka wesixhenxe, ngenyanga yesihlanu, ngolweshumi enyangeni leyo, kwafika amadoda, evela kumadoda amakhulu akwaSirayeli, ukuba abuzise kuYehova. Ahlala phantsi phambi kwam.
-
2
|Ezequiel 20:2|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
3
|Ezequiel 20:3|
Nyana womntu, thetha namadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nize kubuzisa kum na? Ndihleli nje, unakanye ukuba ndibuzwe nini; itsho iNkosi uYehova.
-
4
|Ezequiel 20:4|
Uza kubagweba na, uza kugweba na, nyana womntu? Bazise ke amasikizi ooyise.
-
5
|Ezequiel 20:5|
Yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini endamnyulayo uSirayeli, endayiphakamiselayo isandla sam imbewu yendlu kaYakobi, endazazisayo kubo ezweni laseYiputa, endabapha kamisela isandla sam, ndisithi, NdinguYehova uThixo wenu:
-
6
|Ezequiel 20:6|
ngaloo mini kanye, ndabaphakamisela isandla sam, ukuze ndibakhuphe ezweni laseYiputa, ndibase ezweni endabahlolelayo lona, elibaleka amasi nobusi, liligugu kunamazwe onke.
-
7
|Ezequiel 20:7|
Ndathi kubo, Lahlani elowo izinto ezinezothe zamehlo akhe, ningazenzi iinqambi ngezigodo zaseYiputa; ndinguYehova uThixo wenu.
-
8
|Ezequiel 20:8|
Basuka baba neenkani kum, abavuma ukundiphulaphula, abazilahla elowo izinto ezinezothe zamehlo akhe, abazishiya izigodo zaseYiputa. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo, ndiwuphelelisele kubo umsindo wam phakathi kwelizwe laseYiputa.
-
9
|Ezequiel 20:9|
Koko ndenzayo ngenxa yegama lam; ukuze lingahlanjelwa emehlweni eentlanga, ababephakathi kwazo, endazazisa kubo emehlweni azo, ekubakhupheni kwam ezweni laseYiputa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10