-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Ezequiel 20:20|
nizingcwalise iisabatha zam, zibe ngumqondiso phakathi kwam nani, ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
-
21
|Ezequiel 20:21|
Basuka oonyana baba neenkani kum; abahamba ngemimiselo yam, abawagcina amasiko am ukuba bawenze, awothi umntu ewenzile aphile ngawo; bazihlambela iisabatha zam. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo, ndiphelelisele umsindo wam kubo entlango.
-
22
|Ezequiel 20:22|
Koko ndasibuyisayo isandla sam, ndenza ngenxa yegama lam, ukuba lingahlanjelwa emehlweni eentlanga, endabakhuphayo emehlweni azo.
-
23
|Ezequiel 20:23|
Kananjalo ndabaphakamisela isandla sam entlango, ukuba ndibachithachithe ezintlangeni, ndibaphangalalisele emazweni;
-
24
|Ezequiel 20:24|
ngenxa enokuba bengawenzanga amasiko am, bayicekisayo imimiselo yam, bazihlambela iisabatha zam, amehlo abo alandela izigodo zooyise.
-
25
|Ezequiel 20:25|
Nam ndabamisela imimiselo engabalungeleyo, namasiko abangenakuphila ngawo.
-
26
|Ezequiel 20:26|
Ndabenza iinqambi ngezipho zabo, ekucandiseni kwabo emlilweni yonke into evula isizalo, ukuze ndibaphanzise; ukuze bazi ukuba ndinguYehova.
-
27
|Ezequiel 20:27|
Ngako oko, thetha kwindlu kaSirayeli, nyana womntu, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ooyihlo babuye bandinyelisa nangale nto, ekumenezeni kwabo ababemeneza ngako kum.
-
28
|Ezequiel 20:28|
Kuba xenikweni ndabasayo ezweni endasiphakamiselayo isandla sam sokuba ndibanike lona, basuka bakhangela zonke iinduli ezinde, nemithi yonke ethe shinyi; bayibingelela khona imibingelelo yabo, banikela khona imisondezo yabo equmbisayo, babeka khona ivumba lamadini abo elithozamisayo, bathululela khona iminikelo yabo ethululwayo.
-
29
|Ezequiel 20:29|
Ndathi ke kubo, Esi siganga niya kuso siyintoni na? Igama laso ke kuthiwa, siSiganga, unanamhla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10