-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
40
|Ezequiel 20:40|
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Entabeni yam engcwele, entabeni ende yakwaSirayeli, khona apho iya kundikhonza yonke indlu yakwaSirayeli, yonke iphela ezweni; khona apho baya kuba likholo kum; khona apho ndiya kubiza imirhumo yenu neentlahlela yezipho zenu, entweni yenu yonke eniyingcwalisayo.
-
41
|Ezequiel 20:41|
Niya kuba likholo kum ninevumba elithozamisayo, ekunikhupheni kwam ezizweni; ndinibuthe emazweni enaphangalaliswa kuwo, ndizingcwalisele kuni emehlweni eentlanga;
-
42
|Ezequiel 20:42|
nazi ukuba ndinguYehova, ekuniseni kwam emhlabeni wakwaSirayeli, ezweni endasiphakamisela isandla sam sokuba ndilinike ooyihlo,
-
43
|Ezequiel 20:43|
Niya kuzikhumbula khona iindlela zenu neentlondi zenu zonke, enazenza iinqambi ngazo; nizikruqukele ngokwenu ngenxa yazo zonke izinto ezimbi enizenzileyo;
-
44
|Ezequiel 20:44|
nazi ukuba ndinguYehova, ekuniphatheni kwam ngenxa yegama lam, kungekhona ngokweendlela zenu ezimbi, nangokweentlondi zenu ezibolileyo, ndlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.
-
45
|Ezequiel 20:45|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
46
|Ezequiel 20:46|
Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kwelasezantsi, uwise intetho usingise ezantsi, uprofete ngehlathi lelizwe lasezantsi;
-
47
|Ezequiel 20:47|
uthi kwihlathi lelizwe lasezantsi, Live ilizwi likaYehova; itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndifaka umlilo kuwe, utshise kuwe wonke umthi omanzi, nawo wonke umthi owomileyo. Akuyi kucima dangatye lamadangatye; borhawuka ubuso babantu bonke, kuthabathele ezantsi kuse entla,
-
48
|Ezequiel 20:48|
Yobona yonke inyama, ukuba mna Yehova ndiwubasile; awuyi kucinywa.
-
49
|Ezequiel 20:49|
Ndathi, Awu! Nkosi Yehova, bathi ngam lo, Akenzi ngemizekeliso kodwa na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10