-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Ezequiel 20:10|
Ndabakhupha ke ezweni laseYiputa, ndabasa entlango;
-
11
|Ezequiel 20:11|
ndabanika imimiselo yam, ndabazisa namasiko am, awothi umntu ewenzile, aphile ngawo.
-
12
|Ezequiel 20:12|
Kananjalo ndabanika iisabatha zam, ukuba zibe ngumqondiso phakathi kwam nabo, ukuze bazi ukuba mna Yehova ndiya bangcwalisa.
-
13
|Ezequiel 20:13|
Indlu kaSirayeli yesuka yaba neenkani kum entlango; abahamba ngemimiselo yam; bawacekisa amasiko am, awothi umntu ewenzile, aphile ngawo; bazihlambela kakhulu iisabatha zam. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo entlango, ukuze ndibagqibele.
-
14
|Ezequiel 20:14|
Koko ndenzayo ngenxa yegama lam; ukuze lingahlanjelwa emehlweni eentlanga, endabakhuphayo emehlweni azo.
-
15
|Ezequiel 20:15|
Kananjalo mna ndabaphakamisela isandla entlango, ukuba ndingabasi ezweni endandibanikile, elibaleka amasi nobusi, liligugu kunamazwe onke;
-
16
|Ezequiel 20:16|
ngenxa yokuba bawacekisayo amasiko am, abahamba ngemimiselo yam, bazihlambela iisabatha zam; ngokuba intliziyo yabo yazilandela izigodo zabo.
-
17
|Ezequiel 20:17|
Koko laba nenceba iliso lam kubo, ukuba ndingabatshabalalisi, ndingabagqibeli entlango.
-
18
|Ezequiel 20:18|
Ndathi ke koonyana babo entlango, Musani ukuhamba ngemimiselo yooyihlo, ningawagcini amasiko abo, ningazenzi iinqambi ngezigodo zabo.
-
19
|Ezequiel 20:19|
Mna Yehova ndinguThixo wenu; hambani ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10