-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Ezequiel 23:18|
Wakutyhila ukuhenyuza kwakhe, wabutyhila ubuze bakhe, wancothuka ke umphefumlo wam kuye, njengoko umphefumlo wam wancothukayo kumsakwabo.
-
19
|Ezequiel 23:19|
Wongeza ke ukuhenyuza kwakhe, ngokukhumbula imihla yobuncinane bakhe, awahenyuza ngayo ezweni leYiputa.
-
20
|Ezequiel 23:20|
Watshiseka kukuwakhanuka amakrexe akhe, anyama ziziinyama zamaesile, amakhanuko awo angamakhanuko amahashe.
-
21
|Ezequiel 23:21|
Wamana ukhumbula amanyala obuncinane bakho, oko amaYiputa abephathe iingono zamabele akho, ngenxa yamabele obuncinane bakho.
-
22
|Ezequiel 23:22|
Ngako oko, Ntente-yam-kuye, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuxhokonxela izithandane zakho, ezo uncothukileyo kuzo umphefumlo wakho; ndizizise phezu kwakho, zivela ngeenxa zonke:
-
23
|Ezequiel 23:23|
oonyana baseBhabheli namaKaledi onke, abaveleli, izikhulu, iinduna, benoonyana bonke baseAsiriya, amadodana aluluhle, amabamba neerhuluneli, bonke bephela, nabaphathi-mikhosi, namaphakathi, bengabakhweli bamahashe bonke bephela.
-
24
|Ezequiel 23:24|
Baya kukufikela benezikhali, neenqwelo zokulwa, neevili, benesikhungu sezizwe; babhekise kuwe iingweletshetshe namakhaka nezigcina-ntloko ngeenxa zonke. Ndolunikela kubo ugwebo, ukuba bakugwebe ngokwamasiko abo,
-
25
|Ezequiel 23:25|
ndikunikele ebukhweleni bam, bakuphathe ngobushushu. Baya kususa impumlo yakho neendlebe zakho, nento yakho eseleyo iwe likrele. Bona baya kuthabatha oonyana bakho neentombi zakho; nento yakho eseleyo itshiswe ngumlilo;
-
26
|Ezequiel 23:26|
bakuhlube iingubo zakho, bazithabathe iimpahla zakho zokuhomba.
-
27
|Ezequiel 23:27|
Ndowaphelisa amanyala akho nokuhenyuza kwakho kwasezweni laseYiputa, ungabi sawaphakamisela amehlo akho kuwo, ungabi salikhumbula elaseYiputa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10