-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
29
|Ezequiel 22:29|
Abantu belizwe elo bayacudisa, bayaphanga, baxinzelela phantsi usizana nehlwempu, bacudise owasemzini ngokungesesikweni.
-
30
|Ezequiel 22:30|
Ndafuna kubo indoda engaba luthango phakathi, ime ethutyeni phambi kwam, ikhusele ilizwe elo, ukuze ndingalitshabalalisi; ke andiyifumani.
-
31
|Ezequiel 22:31|
Ngoko ke ndithulula ubhavumo lwam phezu kwabo, ndibagqibele ngomlilo wokuphuphuma komsindo wam, ndibanike ngokwendlela yabo entlokweni yabo; itsho iNkosi uYehova.
-
1
|Ezequiel 23:1|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
2
|Ezequiel 23:2|
Nyana womntu, kwakukho abafazi ababini, iintombi zamfazi mnye.
-
3
|Ezequiel 23:3|
Bahenyuza eYiputa, bahenyuza besebancinane; acofelwa khona amabele abo; zaphathwa khona iingono zamabele zobuntombi babo.
-
4
|Ezequiel 23:4|
Amagama abo ke nguNtente-yakhe omkhulu kubo, noNtente-yam-kuye umsakwabo; baba ngabam, bazala oonyana neentombi. Amagama abo nguSamari uNtente-yakhe, yiYerusalem uNtente-yam-kuye.
-
5
|Ezequiel 23:5|
UNtente-yakhe wahenyuza engumkam, watshiswa kukukhanuka izithandane zakhe, ama-Asiriya, umelwane lwakhe:
-
6
|Ezequiel 23:6|
abavethe iingubo ezimsi, amabamba neerhuluneli, amadodana aluluhle onke ephela, abamahashe bekhwele emahasheni.
-
7
|Ezequiel 23:7|
Wakubhekisela kubo ukuhenyuza kwakhe, koonyana baseAsiriya abaluluhle bonke bephela; wathi abo bonke abetshiseka kukubakhanuka, wazenza inqambi ngezigodo zabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10