-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Ezequiel 22:19|
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba naba ligwebu lentsimbi nonke niphela, ngako oko, yabonani, ndiya kunibutha esazulwini seYerusalem.
-
20
|Ezequiel 22:20|
Njengokuhlanganiselwa kwesilivere nobhedu nesinyithi nelothe nebhekile phakathi eziko, ukuba umlilo uzifuthe, ukuze zinyibilike: ndiya kwenjenjalo ukunibutha ngomsindo wam, nangobushushu bam, ndinifake, ndininyibilikise.
-
21
|Ezequiel 22:21|
Ndonifumba, ndifuthe umlilo wokuphuphuma komsindo wam kuni, ninyibilike phakathi kwawo.
-
22
|Ezequiel 22:22|
Njengokuba isilivere inyibilikiswa phakathi eziko, niya kwenjenjalo ukunyibilikiswa phakathi kwayo; nazi ukuba mna Yehova ndibuthulule ubushushu bam phezu kwenu.
-
23
|Ezequiel 22:23|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
24
|Ezequiel 22:24|
Nyana womntu, yithi kulo, Ulilizwe elizulu lingasiyo, elinganelwayo ngomhla wobhavumo.
-
25
|Ezequiel 22:25|
Lucebo lwabaprofeti balo esazulwini salo. Njengengonyama ebharhulayo, eqwenga inyamakazi, badla imiphefumlo; bahlutha into eqwetyiweyo nenqabileyo; bandisa abahlolokazi balo esazulwini salo.
-
26
|Ezequiel 22:26|
Ababingeleli balo bayawugonyamela umyalelo wam, bazihlambele iingcwele zam; abacaluli phakathi kokungcwele nokuhlambelayo, ababonisi mahluko kokuyinqambi nokuhlambulukileyo; bayawafihla amelulo abo kwiisabatha zam, ndihlanjelwe esazulwini sabo.
-
27
|Ezequiel 22:27|
Abathetheli balo esazulwini salo banjengeengcuka eziqwenga ixhoba, ukuba baphalaze igazi, batshabalalise imiphefumlo, ukuze bazuze inzuzo embi.
-
28
|Ezequiel 22:28|
Abaprofeti babatyabeka ngodaka olulephukayo, bebona imibono yenkohlakalo, bebahlabela izihlabo ezingamanga, besithi, Itsho iNkosi uYehova; kanti uYehova akathethanga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10