-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Ezequiel 21:31|
Ndiya kuthulula phezu kwakho ubhavumo lwam. Ndiya kukubasela ngomlilo wokuphuphuma komsindo wam, ndikunikele esandleni samadoda azizityhakala, iingcibi ezonakalisayo.
-
32
|Ezequiel 21:32|
Uya kuba kukudla komlilo; igazi lakho liya kuba phakathi kwelizwe; akuyi kukhunjulwa; kuba mna Yehova ndithethile.
-
1
|Ezequiel 22:1|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
2
|Ezequiel 22:2|
Wena ke, nyana womntu, uza kuwugweba na? Uza kuwugweba na umzi wamagazi? Wazise ke onke amasikizi awo.
-
3
|Ezequiel 22:3|
Uze uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mzindini, uphalaza igazi esazulwini sawo, ukuze lifike ixesha lawo, wenze izigodo kuwo ukuze ube yinqambi!
-
4
|Ezequiel 22:4|
Ngegazi lakho olithululeyo uzeke ityala, nangezigodo zakho ozenzileyo uzenze inqambi, wazisondeza iimini zakho, wafika eminyakeni yakho. Ngenxa yoko ndikwenza into yengcikivo ezintlangeni, nento yokucukucezwa kuwo onke amazwe.
-
5
|Ezequiel 22:5|
Abakufuphi nabakude kuwe baya kukucukuceza; unegama lobunqambi, unesaqunge esikhulu.
-
6
|Ezequiel 22:6|
Yabona, izikhulu zakwaSirayeli, saseso ngokwengalo yaso, zibe zikuwe, ukuze ziphalaze igazi.
-
7
|Ezequiel 22:7|
Uyise nonina babacukucezela kuwe; owasemzini bamcudisela esazulwini sakho; iinkedama nabahlolokazi babaxinzelela phantsi kuwe.
-
8
|Ezequiel 22:8|
Iingcwele zam uzidelile, neesabatha zam uzihlambele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10