-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Ezequiel 22:9|
Amadoda anentlebendwane abekuwe, ukuze aphalaze igazi; adlela ezintabeni kuwe, enza amanyala esazulwini sakho.
-
10
|Ezequiel 22:10|
Ubuze booyise butyhilelwe kuwe; oyinqambi ngokuba nomzi bamdlwengulela kuwe.
-
11
|Ezequiel 22:11|
Omnye wenza amasikizi nomfazi wommelwane wakhe; omnye umenza inqambi umolokazana wakhe ngobugqwirha; omnye udlwengula udade wabo, intombi kayise, kuwe.
-
12
|Ezequiel 22:12|
Bamkela izicengo bekuwe, ukuze baphalaze igazi; wena udle abantu ngemali, wathabatha inzala yemboleko: uyamdla ummelwane wakho ngokucudisa; undilibele; itsho iNkosi uYehova.
-
13
|Ezequiel 22:13|
Yabona, nditywakraza izandla zam ngenxa yenzuzo yakho embi oyizuzileyo, nangenxa yamagazi akho asesazulwini sakho.
-
14
|Ezequiel 22:14|
Intliziyo yakho iya kuma na? Izandla zakho ziya kuthi nkqi na, ngemihla endiya kukuphatha ngayo? Mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza ke.
-
15
|Ezequiel 22:15|
Ndiya kukuphangalalisela ezintlangeni, ndikuchithachithe emazweni, ndibugqibele ubunqambi bakho kuwe.
-
16
|Ezequiel 22:16|
Wozihlambela emehlweni eentlanga, wazi ukuba ndinguYehova.
-
17
|Ezequiel 22:17|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
18
|Ezequiel 22:18|
Nyana womntu, indlu kaSirayeli isuke yaba ligwebu lentsimbi kum; bonke bephela baba lubhedu nebhekile nesinyithi nelothe, phakathi eziko; baba ligwebu lesilivere.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10