-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Ezequiel 35:11|
ngako oko ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kwenza kuwe ngokomsindo wakho, nangokobukhwele bakho, obenzileyo kubo ngentiyo yakho; ndizazise kubo, xenikweni ndithe ndakugweba.
-
12
|Ezequiel 35:12|
Uya kwazi ukuba mna Yehova ndikuvile konke ukugiba kwakho, owakuthethayo ngeentaba zakwaSirayeli, usithi, Kusenkangala kuzo, sizinikiwe ukuba zibe kukudla.
-
13
|Ezequiel 35:13|
Nizikhulisele ngam ngemilomo yenu, nawafumba phezu kwam amazwi enu; ndivile ke mna.
-
14
|Ezequiel 35:14|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Lakuvuya ihlabathi lonke, ndokwenza kube senkangala kuwe.
-
15
|Ezequiel 35:15|
Njengoko walivuyelayo ilifa lendlu kaSirayeli, ngenxa yokuba bekusenkangala kulo, ndiya kwenjenjalo kuwe; kuya kuba senkangala kuwe, ntaba yakwaSehire, nelakwaEdom lonke liphela; bazi ukuba ndinguYehova.
-
1
|Ezequiel 36:1|
Wena ke, nyana womntu, profeta ngazo iintaba zakwaSirayeli, uthi, Zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi likaYehova!
-
2
|Ezequiel 36:2|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba utshaba lusithi ngani, Tshotsho, imimango engunaphakade ibililifa lethu!
-
3
|Ezequiel 36:3|
ngako oko profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba, ewe, ngenxa enokuba benenze kwaba senkangala, baniginya ngeenxa zonke, ukuze nibe lilifa lamasalela eentlanga, naba semilonyeni yabanolwimi nasentlebendwaneni yabantu:
-
4
|Ezequiel 36:4|
ngako oko, nina zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi leNkosi uYehova, lisithi, Itsho iNkosi uYehova kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, kwiindawo ezibharhileyo ezingamanxuwa nakwimizi eshiyiweyo, eyaba lixhoba nesigculelo samasalela eentlanga ezingeenxa zonke;
-
5
|Ezequiel 36:5|
ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Inyaniso, ndithethe ngomlilo wobukhwele bam ngawo amasalela eentlanga, nangamaEdom onke ephela, alenze ilifa lawo ilizwe lam, evuyile ngentliziyo yonke, ecukuceza ngomphefumlo, ukuze alilahle libe lixhoba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10