-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Ezequiel 36:6|
Ngako oko, profeta ngomhlaba wakwaSirayeli, uthi kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndithethe ndinobukhwele, ndinobushushu, ngenxa enokuba nilithwele ihlazo leentlanga.
-
7
|Ezequiel 36:7|
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mna ndisiphakamisile isandla sam; inyaniso, iintlanga ezingeenxa zonke kuni, zona ziya kuthwala ihlazo lazo.
-
8
|Ezequiel 36:8|
Ke nina, zintaba zakwaSirayeli, niya kuvelisa amasebe, iziqhamo zenu nizixakathele abantu bam amaSirayeli; ngokuba sekukufuphi ukuvela kwazo.
-
9
|Ezequiel 36:9|
Ngokuba, niyabona, ndingakuni; ndobuyela kuni, nilinywe, nihlwayelwe.
-
10
|Ezequiel 36:10|
Ndiya kwandisela abantu phezu kwenu, yonke indlu kaSirayeli, yonke iphela, imiwe imizi, akhiwe amanxuwa.
-
11
|Ezequiel 36:11|
Ndiya kwandisela abantu ke neenkomo phezu kwenu, bande, baqhame; ndinenze nimiwe ngokwangaphambili ke, ndinenzele okulungileyo ngaphezu kokwasekuqaleni kwenu; nazi ukuba ndinguYehova.
-
12
|Ezequiel 36:12|
Ndohambisa abantu phezu kwenu, abantu bam amaSirayeli, bakuzuze ube lilifa labo, ungasabuyi ubahluthe abantwana.
-
13
|Ezequiel 36:13|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba bathi kuwe, Usisidlabantu, uluhluthe abantwana uhlanga lwakho:
-
14
|Ezequiel 36:14|
ngako oko akuyi kubuya ube sisidlabantu, ungabuyi ulukhubekise uhlanga lwakho; itsho iNkosi uYehova.
-
15
|Ezequiel 36:15|
Andiyi kubuya ndikuvise ihlazo leentlanga, ungabuyi usithwale isingcikivo sezizwe, ungabuyi ulukhubekise uhlanga lwakho; itsho iNkosi uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10