-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
26
|Ezequiel 36:26|
Ndoninika intliziyo entsha, ndininike umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo elilitye enyameni yenu, ndininike intliziyo eyinyama.
-
27
|Ezequiel 36:27|
Ndofaka uMoya wam ngaphakathi kwenu, ndinenze nihambe ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze;
-
28
|Ezequiel 36:28|
niya kuhlala ezweni endalinika ooyihlo; nibe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.
-
29
|Ezequiel 36:29|
Ndiya kunisindisa ebunqambini benu bonke, ndibize ingqolowa, ndiyandise, ndinganiziseli indlala.
-
30
|Ezequiel 36:30|
Ndosandisa isiqhamo somthi nokuphuma emasimini, ukuze ningabuyi namkeliswe isingcikivo sendlala ezintlangeni.
-
31
|Ezequiel 36:31|
Niya kuzikhumbula ke iindlela zenu ezimbi, neentlondi zenu ezingalungileyo, nizikruqukele ngokwenu, ngenxa yobugwenxa benu nangenxa yamasikizi enu.
-
32
|Ezequiel 36:32|
Andiyi kukwenza oku ngenxa yenu, itsho iNkosi uYehova; makwazeke oko kuni. Danani, nibe nehlazo ngenxa yeendlela zenu, ndlu kaSirayeli.
-
33
|Ezequiel 36:33|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini endiya kunihlambulula ngayo ebugwenxeni benu bonke, ndiya kuyenza imizi ukuba imiwe, akhiwe amanxuwa.
-
34
|Ezequiel 36:34|
Ilizwe ebe kusenkangala kulo liya kulinywa, endaweni yokuba bekusenkangala kulo emehlweni abo bonke abadlulayo.
-
35
|Ezequiel 36:35|
Baya kuthi, Eli lizwe, bekusenkangala kulo, lisuke laba njengomyezo wase-Eden; nemizi ebeyibharhile, ebingamanxuwa, ebigungxulwe, imiwe, inqatyisiwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10