-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Génesis 13:1|
Wenyuka uAbram, ephuma eYiputa, yena nomkakhe, neento zakhe zonke, enoLote, esinga kwelasezantsi.
-
2
|Génesis 13:2|
UAbram waye esisityebi kunene ngemfuyo, nangesilivere, nangegolide.
-
3
|Génesis 13:3|
Wahamba encothula, esuka kwelasezantsi, wafika eBheteli, kuloo ndawo yayikhona intente yakhe matanci, phakathi kweBheteli neAyi,
-
4
|Génesis 13:4|
endaweni yesibingelelo awasenzayo khona ekuqaleni. UAbram walinqula khona igama likaYehova.
-
5
|Génesis 13:5|
Naye uLote, obehamba noAbram, waye enempahla emfutshane, neenkomo, neentente.
-
6
|Génesis 13:6|
Ilizwe elo alaba nakubathwala, ukuba bahlale ndawonye; ngokuba impahla yabo yayininzi, ababa nakuhlala ndawonye.
-
7
|Génesis 13:7|
Kwabakho ukubambana phakathi kwabalusi bemfuyo ka-Abram nabalusi bemfuyo kaLote. Ngelo xesha ilizwe lalimiwe ngamaKanan namaPerizi.
-
8
|Génesis 13:8|
UAbram wathi kuLote, Makungabikho mbambano kaloku phakathi kwam nawe, naphakathi kwabalusi bam nabalusi bakho; ngokuba singamadoda azalanayo.
-
9
|Génesis 13:9|
Aliphambi kwakho na ilizwe lonke? Khawahluke kum; ukuba uya ekhohlo, ndoya ekunene, ukuba uya ekunene, ndoya ekhohlo.
-
10
|Génesis 13:10|
ULote waphakamisa amehlo akhe, wawukhangela wonke ummandla waseYordan, ngokuba ubunamanzi wonke, engekayonakalisi uYehova iSodom neGomora, unjengomyezo kaYehova, unjengelizwe laseYiputa, usingise eTsohare.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40