-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Génesis 31:1|
Ke kaloku waweva amazwi oonyana bakaLabhan, besithi, UYakobi uzithabathile zonke izinto abenazo ubawo; ubenze ngezinto zikabawo obu butyebi bakhe bonke.
-
2
|Génesis 31:2|
Wabubona uYakobi ubuso bukaLabhan, nabo bungenjengezolo nezolo elinye kuye.
-
3
|Génesis 31:3|
UYehova wathi kuYakobi, Buyela ezweni likayihlo, kwelokuzalwa kwakho; ndoba nawe.
-
4
|Génesis 31:4|
UYakobi wathumela, wabiza uRakeli noLeya, ukuba beze endle empahleni yakhe emfutshane.
-
5
|Génesis 31:5|
Wathi kubo, Ndiyabubona ubuso bukayihlo, ukuba abunjengezolo nezolo elinye kum; ke uThixo kabawo ubenam.
-
6
|Génesis 31:6|
Niyazi nina, ukuba uyihlo ndimkhonze ngamandla am onke;
-
7
|Génesis 31:7|
ke uyihlo undidephisele, wawuguqula umvuzo wam kalishumi; kodwa uThixo akamvumelanga ukuba andenze into embi.
-
8
|Génesis 31:8|
Xa athe, Enala yoba ngumvuzo wakho isuke yonke impahla emfutshane yazala enala; xa athe, Enemizila yoba ngumvuzo wakho, isuke yonke impahla emfutshane yazala enemizila.
-
9
|Génesis 31:9|
Wayihlutha uThixo imfuyo kayihlo, wandinika.
-
10
|Génesis 31:10|
Kwathi, ngexesha lokuphathana kwempahla emfutshane, ndawaphakamisa amehlo am, ndabona ephupheni, nanzo iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7