-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Génesis 28:1|
UIsake wambiza uYakobi, wamsikelela, wamwisela umthetho, wathi kuye, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan.
-
2
|Génesis 28:2|
Suka uye ePadan-aram, endlwini kaBhetuweli unyokokhulu, uzeke khona umfazi ezintombini zikaLabhan, unyokolume.
-
3
|Génesis 28:3|
Ngamana uThixo uSomandla wakusikelela, wakuqhamisa, wakwandisa, ukuze ube sisikhungu sezizwe;
-
4
|Génesis 28:4|
akunike intsikelelo ka-Abraham, wena nembewu yakho ndawonye nawe, ukuze ulidle ilifa ilizwe lokuphambukela kwakho, elo uThixo walinika uAbraham.
-
5
|Génesis 28:5|
UIsake wamndulula ke uYakobi; waya ePadan-aram, kuLabhan unyana kaBhetuweli umAram, umnakwabo boRebheka, unina booYakobi noEsawu.
-
6
|Génesis 28:6|
UEsawu wabona ukuba uIsake umsikelele uYakobi, wamndulula ukuba aye ePadan-aram, azeke khona umfazi; ekumsikeleleni kwakhe wamwisela umthetho wokuthi, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan;
-
7
|Génesis 28:7|
noYakobi umphulaphule uyise nonina, waya ePadan-aram.
-
8
|Génesis 28:8|
Wabona uEsawu ukuba iintombi zakwaKanan azifunwa nguIsake uyise;
-
9
|Génesis 28:9|
wasuka waya uEsawu kuIshmayeli, wazeka uMahalati, intombi kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, udade boNebhayoti, phezu kwabafazi bakhe, wangumkakhe.
-
10
|Génesis 28:10|
Waphuma ke uYakobi eBher-shebha, waya kwaHaran.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10