-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Génesis 21:1|
Ke kaloku uYehova wamvelela uSara njengoko ebetshilo; uYehova wamenzela uSara njengoko abekuthethile.
-
2
|Génesis 21:2|
Wamitha ke uSara, wamzalela uAbraham unyana ekwaluphaleni kwakhe, ngexesha elimisiweyo abelithethile uThixo kuye.
-
3
|Génesis 21:3|
UAbraham wamthiya loo nyana wakho abemzalelwe, awamzalayo uSara, igama elinguIsake.
-
4
|Génesis 21:4|
UAbraham wamalusa uIsake unyana wakhe, akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, njengoko uThixo abemwisele umthetho.
-
5
|Génesis 21:5|
UAbraham ube eminyaka ilikhulu, ukuzalelwa kwakhe uIsake unyana wakhe.
-
6
|Génesis 21:6|
Wathi uSara, Undihlekisile uThixo; bonke abakuvayo oku baya kuhleka nam.
-
7
|Génesis 21:7|
Wathi, Ngubani na obengatsholo kuAbraham ukuthi, uSara wanyisa abantwana? Ngokuba ndimzalele unyana ekwaluphaleni kwakhe.
-
8
|Génesis 21:8|
Wakhula umntwana, walunyulwa; uAbraham wenza isidlo esikhulu mhlana walunyulwayo uIsake.
-
9
|Génesis 21:9|
USara wambona unyana kaHagare umYiputazana, awamzalela uAbraham, ehlekisa.
-
10
|Génesis 21:10|
Wathi kuAbraham, Mgxothe umkhonzazana nonyana wakhe; kuba unyana walo mkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawonye nonyana wam uIsake.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10