-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Génesis 21:21|
unina wayithabathela umfazi ezweni laseYiputa.
-
22
|Génesis 21:22|
Kwathi ngelo xesha, wathetha uAbhimeleki, noFikolo umthetheli womkhosi wakhe, kuAbraham, esithi, UThixo unawe entweni yonke osukuba uyenza.
-
23
|Génesis 21:23|
Ngoko ndifungele uThixo apha, ukuba akuyi kundixokisa mna, noonyana bam, nenzalo yam; wothi ngokwenceba endiyenzileyo kuwe, wenze kum, nakwilizwe ophambukele kulo.
-
24
|Génesis 21:24|
Wathi uAbraham, Mna ndofunga.
-
25
|Génesis 21:25|
UAbraham wamohlwaya uAbhimeleki ngenxa yequla lamanzi elalihluthwe ngabakhonzi baka-Abhimeleki.
-
26
|Génesis 21:26|
Wathi uAbhimeleki, Bendingazi ukuba yenziwe ngubani na le nto; nawe ube ungandixelelanga; nam bendingayivanga, ndiyiva namhla.
-
27
|Génesis 21:27|
UAbraham wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, wanika uAbhimeleki, benza umnqophiso bobabini.
-
28
|Génesis 21:28|
UAbraham wamisa amathokazi ezimvu asixhenxe omhlambi, aba wodwa.
-
29
|Génesis 21:29|
Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ayintoni na la mathokazi ezimvu asixhenxe uwamisileyo odwa?
-
30
|Génesis 21:30|
Wathi, La mathokazi ezimvu asixhenxe wowathabatha esandleni sam, abe bubungqina bam bokuba ndilimbile eli qula.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7