-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Génesis 20:1|
Ke kaloku uAbraham wanduluka apho, waya ezweni lasezantsi, wahlala phakathi kweKadeshe neShure, waphambukela eGerare.
-
2
|Génesis 20:2|
Wathi uAbraham ngoSara umkakhe, Ngudade wethu. UAbhimeleki ukumkani waseGerare wathuma, wamthabatha uSara.
-
3
|Génesis 20:3|
Weza uThixo kuAbhimeleki ngephupha ebusuku, wathi kuye, Uyabona, ufile ngenxa yomfazi omthabathileyo; ngumkamntu.
-
4
|Génesis 20:4|
Ke uAbhimeleki ubengasondelanga kuye; wathi, Nkosi, nolunobulungisa uhlanga wolubulala, yini na?
-
5
|Génesis 20:5|
Akatshongo na yena kum ukuthi, Ngudade wethu, naye ngokwakhe wathi, Ngumnakwethu? Le nto ndiyenze ngentliziyo yam igqibelele, nangezandla zam zimsulwa.
-
6
|Génesis 20:6|
Wathi uThixo kuye ngephupha, Nam ndiyazi ukuba uyenze le nto ngentliziyo yakho igqibelele. Ndakunqanda nam, ukuba ungoni kum; ngenxa yoko andikuvumelanga ukuba umchukumise.
-
7
|Génesis 20:7|
Ngoko mbuyise umfazi wale ndoda, ngokuba ingumprofeti; yokuthandazela ukuba uphile; ukuba uthe akwambuyisa, yazi ukuba uya kufa, wena nabo bonke onabo.
-
8
|Génesis 20:8|
Wavuka kwakusasa uAbhimeleki, wababiza bonke abakhonzi bakhe, wawathetha onke la mazwi ezindlebeni zabo. Oyika kakhulu loo madoda.
-
9
|Génesis 20:9|
UAbhimeleki wambiza uAbraham, wathi kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi? Ndikone ngantoni na, ukuba mna nobukumkani bam isono esingaka? Wenze kum izenzo ezingezakwenziwa.
-
10
|Génesis 20:10|
Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ubone ntoni na, ukuba uyenze le nto?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7