-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Génesis 20:11|
Wathi uAbraham, Ndithe, akukho kanye ukoyika uThixo kule ndawo; baya kundibulala ngenxa yomkam.
-
12
|Génesis 20:12|
Okwenene ngudade wethu; yintombi kabawo, kodwa akantombi kama, waba ngumkam ke.
-
13
|Génesis 20:13|
Kwathi, uThixo akundiphambukisa, andikhuphe endlwini kabawo, ndathi kuye, Nantsi inceba owondenzela yona: ezindaweni zonke esofika kuzo, uze uthi ngam, Ngumnakwethu.
-
14
|Génesis 20:14|
UAbhimeleki wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, nabakhonzi, nabakhonzazana, wanika uAbraham; wambuyisela uSara umkakhe kuye.
-
15
|Génesis 20:15|
Wathi uAbhimeleki, Nali ilizwe lam, liphambi kwakho; hlala apho kulungileyo emehlweni akho.
-
16
|Génesis 20:16|
Wathi kuSara, Yabona, umnakwenu ndimnike iwaka lesilivere; yabona, sisigqubuthelo samehlo kuwe, ngokusingisele kubo bonke aba nawe; naphakathi kwabo bonke ugwetyelwe.
-
17
|Génesis 20:17|
Wathandaza uAbraham kuThixo; uThixo wamphilisa uAbhimeleki, nomkakhe, nabakhonzazana bakhe, bazala.
-
18
|Génesis 20:18|
Ngokuba uYehova ubezivingcile kanye, zonke izizalo endlwini ka-Abhimeleki, ngenxa kaSara, umka-Abraham.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5