-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Génesis 40:1|
Kwathi emveni kwezi zinto, umngcamli wokumkani waseYiputa, nomoji wezonka zakhe, bayona inkosi yabo, ukumkani waseYiputa.
-
2
|Génesis 40:2|
UFaro waba noburhalarhume kubo ababusi bakhe bobabini, umphathi wabangcamli nomphathi waboji bezonka.
-
3
|Génesis 40:3|
Wabanikela elugcinweni, endlwini yomthetheli wabasiki entolongweni, endaweni abekhonkxelwe kuyo uYosefu.
-
4
|Génesis 40:4|
Umthetheli wabasiki wamenza uYosefu umveleli wabo, wabalungiselela; baba nomzuzu beselugcinweni.
-
5
|Génesis 40:5|
Baphupha iphupha bobabini; elowo waphupha iphupha lakhe ngabusuku bunye, elowo ngokokutyhilwa kwephupha lakhe, umngcamli nomoji wezonka bokumkani waseYiputa, ababekhonkxiwe entolongweni.
-
6
|Génesis 40:6|
UYosefu wangena kubo kwakusa, wabakhangela, wafika bematshekile.
-
7
|Génesis 40:7|
Wababuza ababusi bakwaFaro, ababenaye elugcinweni endlwini yenkosi yakhe, esithi, Kutheni na ukuba ubuso benu bube bubi namhlanje?
-
8
|Génesis 40:8|
Bathi kuye, Siphuphe iphupha; akukho ulityhilayo. UYosefu wathi kubo, Izityhilo asizezikaThixo na? Khanindixelele iphupha elo.
-
9
|Génesis 40:9|
Umphathi wabangcamli wamxelela uYosefu iphupha lakhe, wathi kuye, Ephupheni lam ndibone umdiliya uphambi kwam;
-
10
|Génesis 40:10|
emdiliyeni apho amasebe emathathu, wangathi wona uphuma amathupha, wadubula iintyantyambo zawo, izihloko zawo zavuthwa zaziidiliya;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7