-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Génesis 43:1|
Indlala yayinzima kwelo zwe.
-
2
|Génesis 43:2|
Kwathi, bakuba begqibile ukuyidla ingqolowa ababeze nayo bevela eYiputa, wathi uyise kubo, Buyani niye kusithengela intwana yokudla.
-
3
|Génesis 43:3|
Wathi uYuda kuye, Indoda leyo yaqononondisa kuthi, yathi, Aniyi kububona ubuso bam, engabangakho nani umninawa wenu.
-
4
|Génesis 43:4|
Ukuba uthe wamthuma umninawa wethu nathi, sohla siye kukuthengela ukudla.
-
5
|Génesis 43:5|
Ukuba akuthanga umthume, asiyi kuhla; kuba indoda leyo yathi kuthi, Aniyi kububona ubuso bam, engabangakho nani umninawa wenu.
-
6
|Génesis 43:6|
USirayeli wathi, Yini na ukuba nindenzele ububi, niyixelele indoda leyo ukuthi, nisenomninawa?
-
7
|Génesis 43:7|
Bathi, Indoda leyo yabuza kunene ngathi nangemizalwana yethu, isithi, Usaphilile na uyihlo? Nisenomninawa na? Sayixelela ngokwaloo mazwi. Besisazi yini na ukuba ibiya kuthi, Yihlani nomninawa wenu?
-
8
|Génesis 43:8|
UYuda wathi kuSirayeli uyise, Mthume nam umfana, sisuke sihambe, siphile, singafi thina, nawe, nabantwana bethu.
-
9
|Génesis 43:9|
Mna ndiya kummela, wombiza esandleni sam; ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndimbeke phambi kwakho, mandibe netyala kuwe yonke imihla yam.
-
10
|Génesis 43:10|
Kuba, ukuba besingazilazilanga, inene ngesiba ngoku sesibuye okwesibini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10