-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Génesis 31:41|
Kwaba njalo kum le minyaka imashumi mabini endlwini yakho; ndakukhonza iminyaka elishumi elinamine ngenxa yeentombi zakho zombini, iminyaka emithandathu ngenxa yempahla yakho emfuthsane; uwuguqule kalishumi umvuzo wam.
-
42
|Génesis 31:42|
Koko uThixo kabawo, uThixo ka-Abraham, Ohlonelwa nguIsake, waba nam, inene unge undindulule ndilambatha ngoku. UThixo uzibonile iintsizi zam nokuxelenga kwezandla zam, wakohlwaya phezolo.
-
43
|Génesis 31:43|
ULabhan waphendula wathi kuYakobi, Iintombi ziintombi zam, oonyana ngoonyana bam, impahla emfutshane yimpahla yam, neento zonke ozibonayo zezam. Ndinakwenza ntoni na namhla ezintombini zam ezi, nakoonyana azo ezibazeleyo?
-
44
|Génesis 31:44|
Yiza ngoku, senze umnqophiso, mna nawe, ube lingqina phakathi kwam nawe.
-
45
|Génesis 31:45|
UYakobi wathabatha ilitye, waliphakamisa lasisimiso.
-
46
|Génesis 31:46|
Wathi uYakobi kubazalwana bakhe, Cholani amatye. Bathabatha amatye, benza imfumba, badla khona phezu kwaloo mfumba.
-
47
|Génesis 31:47|
Wathi ukuyibiza uLabhan yiYegarsahaduta, uYakobi wathi ukuyibiza yiGaledi.
-
48
|Génesis 31:48|
Wathi uLabhan, Le mfumba ilingqina phakathi kwam nawe namhla, ngenxa yoko yathiywa igama eliyiGaledi;
-
49
|Génesis 31:49|
neliyiMizpa, ngokuba wathi Makobonisele uYehova phakathi kwam nawe, sakuba sisithelene;
-
50
|Génesis 31:50|
ukuba uthe wazicinezela iintombi zam, nokuba uthe wazeka abafazi phezu kweentombi zam, akukho bani unathi. Khangela, uThixo ulingqina phakathi kwam nawe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7