-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Génesis 31:11|
Sathi isithunywa sikaThixo kum ephupheni, Yakobi; ndathi, Ndilapha.
-
12
|Génesis 31:12|
Sathi, Khawuphakamise amehlo akho, ubone; zonke iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose; kuba ndizibonile zonke izinto azenzayo uLabhan kuwe.
-
13
|Génesis 31:13|
NdinguThixo waseBheteli, apho wasithambisa khona isimiso, apho wabhambathisa ngesibhambathiso kum. Suka ngoko, uphume kweli lizwe, ubuyele ezweni lokuzalwa kwakho.
-
14
|Génesis 31:14|
Baphendula uRakeli noLeya, bathi kuye, Sisenasabelo nalifa lini na endlwini kabawo?
-
15
|Génesis 31:15|
Akuthiwa singabasemzini kuye yini na? Kuba uthengise ngathi, wamana eyidla nemali yethu.
-
16
|Génesis 31:16|
Ngoko kuze bonke ubutyebi abuhluthileyo uThixo kubawo, bube bobethu, noboonyana bethu, kaloku ke konke akuthethileyo uThixo kuwe kwenze.
-
17
|Génesis 31:17|
Wesuka uYakobi wabakhwelisa oonyana bakhe, nabafazi bakhe, ezinkameleni.
-
18
|Génesis 31:18|
Waqhuba yonke impahla yakhe, nayo yonke ingqwebo yakhe abeyiqwebile, impahla abeyifuyile, abeyiqwebile ePadan-aram, ukuze aye kuIsake uyise ezweni lakwaKanan.
-
19
|Génesis 31:19|
ULabhan ubeye kucheba impahla yakhe emfutshane; uRakeli wayiba imilonde-khaya ebiyekayise.
-
20
|Génesis 31:20|
UYakobi wamlalanisa uLabhan umAram, ekubeni engamxelelanga ukuba uyabaleka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7