-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
51
|Génesis 31:51|
ULabhan wathi kuYakobi, Yabona le mfumba, yabona esi simiso ndisiphakamisileyo phakathi kwam nawe;
-
52
|Génesis 31:52|
ingqina yile mfumba, ingqina sesi simiso, ukuba andiyi kugqitha mna kule mfumba ndiye kuwe, ukuba akuyi kugqitha wena kule mfumba nakwesi simiso uze kum, senzane ububi.
-
53
|Génesis 31:53|
UThixo ka-Abraham, uThixo kaNahore, uThixo woyise wabo, makagwebe phakathi kwethu. UYakobi wafunga Ohlomelwa nguyise uIsake.
-
54
|Génesis 31:54|
UYakobi wabingelela umbingelelo entabeni apho, wabiza abazalwana bakhe, ukuba badle isonka. Badla ke isonka, balala entabeni apho.
-
55
|Génesis 31:55|
Wavuka uLabhan kusasa, wabanga oonyana bakhe, neentombi zakhe, wabasikelela; wemka ke uLabhan, wabuyela ekhayeni lakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21