-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Génesis 14:11|
Bayithabatha yonke impahla yaseSodom, neGomora, nako konke ukudla kwabo, bemka.
-
12
|Génesis 14:12|
Bamthabatha noLote, nempahla yakhe, unyana womninawa ka-Abram, bemka; kuba wayehleli eSodom.
-
13
|Génesis 14:13|
Wafika osindileyo, waxelela uAbram, umHebhere; yena ebehleli eMiokini kaMamre umAmori, umzalwana kaEshkoli, nomzalwana ka-Anere; bona ke bebengamanqophisana noAbram.
-
14
|Génesis 14:14|
Weva ke uAbram, ukuba uthinjiwe umzalwana wakhe, wawaphalaza amadoda akhe aqeqeshiweyo, azalelwe endlwini yakhe, angamakhulu mathathu aneshumi elinesibhozo, wasukela, waya kufika kwaDan.
-
15
|Génesis 14:15|
Wawahlulahlula, wabawela ebusuku, yena nabakhonzi bakho, wabagxotha, wabasukela wasa eHobha, engasekhohlo kweDamasko.
-
16
|Génesis 14:16|
Wazibuyisa zonke iimpahla, kwanoLote unizalwana wakhe, wazibuyisa neempahla zakhe, kwanabafazi nabantu.
-
17
|Génesis 14:17|
Waphuma ukumkani waseSodom, esiya kumkhawulela ekubuyeni kwakhe ekutshabalaliseni uKedorlahomere, nookumkani ebabenaye, entilini yeShave, eyintili yookumkani.
-
18
|Génesis 14:18|
UMelkitsedeke, ukumkani waseSalem, waphuma enesonka newayini, ubengumbingeleli kaThixo Osenyangweni.
-
19
|Génesis 14:19|
Wamsikelela wathi, Makasikelelwe uAbram nguThixo Osenyangweni, uMninimazulu nehlabathi!
-
20
|Génesis 14:20|
Makabongwe uThixo Osenyangweni obanikeleyo ababandezeli bakho esandleni sakho. UAbram wamnika isishumi seento zonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4