-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Génesis 26:11|
UAbhimeleki wawisela bonke abantu umthetho wokuthi, Lowo uyichukumisayo le ndoda nomkayo wobulawa afe.
-
12
|Génesis 26:12|
UIsake wahlwayela kwelo zwe, wazuza ngaloo mnyaka imilinganiso elikhulu; uYehova wamsikelela.
-
13
|Génesis 26:13|
Yaba nkulu indoda leyo, yaya ikhula ngokukhula, yada yaba nkulu kunene.
-
14
|Génesis 26:14|
Yaba nemfuyo yempahla emfutshane, nemfuyo yeenkomo, nabakhonzi abaninzi; ayimonela amaFilisti.
-
15
|Génesis 26:15|
Onke amaqula, ababewambile abakhonzi bakayise ngemihla ka-Abraham uyise, awavingca amaFilisti, awadibelela ngomhlaba.
-
16
|Génesis 26:16|
Wathi uAbhimeleki kuIsake, Mka kuthi, ngokuba usuke waba namandla amakhulu kunathi.
-
17
|Génesis 26:17|
UIsake wemka ke apho, wamisa iintente esihlanjeni saseGerare, wahlala khona.
-
18
|Génesis 26:18|
Wabuya uIsake wawamba amaqula amanzi, ababewambile ngemihla ka-Abraham uyise, abevingciwe ngamaFilisti emveni kokufa kuka-Abraham; wawabiza ngamagama abewabize ngawo uyise.
-
19
|Génesis 26:19|
Bemba abakhonzi bakaIsake esihlanjeni eso, bafumana khona iqula lamanzi aphilileyo.
-
20
|Génesis 26:20|
Abalusi baseGerare babambana nabalusi bakaIsake, besithi, Ngawethu la manzi; wathi igama lequla elo yiEseke, kuba babezamana naye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4