-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Génesis 2:1|
Agqitywa ke amazulu nehlabathi, nawo wonke umkhosi wezo zinto.
-
2
|Génesis 2:2|
Wawugqiba ke uThixo ngomhla wesixhenxe umsebenzi wakhe awawenzayo; waphumla ngomhla wesixhenxe kuwo wonke umsebenzi wakhe awawenzayo.
-
3
|Génesis 2:3|
Wawusikelela uThixo umhla wesixhenxe, wawungcwalisa; ngokuba waphumla ngawo kuwo wonke umsebenzi wakhe awawudalayo uThixo, wawenza.
-
4
|Génesis 2:4|
Yiyo le ke inzala yamazulu nehlabathi ekudalweni kwezo zinto, mini wenza uYehova uThixo ihlabathi namazulu,
-
5
|Génesis 2:5|
onke amatyholo asendle engekaveli emhlabeni, nayo yonke imifuno yasendle ingekantshuli; kuba uYehova uThixo ebengekanisi mvula emhlabeni; kwaye kungekho mntu wokuwusebenza umhlaba.
-
6
|Génesis 2:6|
Kwaye kunyuka inkungu iphuma ehlabathini, yawunyakamisa wonke umhlaba.
-
7
|Génesis 2:7|
UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo.
-
8
|Génesis 2:8|
UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden ngasempumalanga; wambeka khona umntu abembumbile.
-
9
|Génesis 2:9|
UYehova uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi enqwenelekayo ngokukhangeleka, nelungele ukudliwa; nomthi wobomi emyezweni phakathi, nomthi wokwazi okulungileyo nokubi.
-
10
|Génesis 2:10|
Kwaphuma umlambo e-Eden wokuwunyakamisa umyezo; wahluka apho, waba ziimbaxa ezine.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10