-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Génesis 34:21|
La madoda ayavana nathi; makahlale ezweni apha, arhwebe kulo; ilizwe eli, yabonani, libanzi ngeenxa zombini phambi kwawo; sozizeka iintombi zawo zibe ngabafazi, siwanike iintombi zethu.
-
22
|Génesis 34:22|
Ke ovumelana nathi ngale ndawo yodwa amadoda lawo, ukuhlala nathi, sibe bantu banye, yakwaluka kuthi yonke into eyinoda, njengokuba alukile wona.
-
23
|Génesis 34:23|
Imfuyo yawo, nengqwebo yawo, nawo onke amaqegu awo, akasayi kuba ngawethu na? Siya kuthi kodwa sivumelane nawo, ukuba ahlale nathi.
-
24
|Génesis 34:24|
Bamphulaphula ke uHamore noShekem unyana wakhe, bonke abaphuma ngesango omzi wabo. Yaluswa yonke into eyindoda, bonke abaphuma ngesango lomzi wabo.
-
25
|Génesis 34:25|
Kwathi ngomhla wesithathu, bakuba buhlungu, besuka oonyana ababini bakaYakobi, uSimon noLevi, abanakwabo boDina, bathabatha walowo ikrele lakhe, bawufikela loo mzi ungakhumbulele nto, babulala yonke into eyindoda.
-
26
|Génesis 34:26|
Babulala noHamore, noShekem unyana wakhe, ngohlangothi lwekrele, bamthabatha uDina endlwini kaShekem, baphuma.
-
27
|Génesis 34:27|
Oonyana bakaYakobi babafikela ababuleweyo, bawuphanga umzi, ngokuba bebemenze inqambi udade wabo.
-
28
|Génesis 34:28|
Impahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, namaesile abo, neento zonke ezibe ziphakathi komzi, nezibe zisendle, bazithabatha;
-
29
|Génesis 34:29|
nobutyebi babo bonke, nabantwana babo bonke, nabafazi babo, babathimba, baphanga neento zonke ebe zisendlwini.
-
30
|Génesis 34:30|
UYakobi wathi kuSimon nakuLevi, Nindihlisele ishwangusha, ukuze ndinuke phakathi kwabemi belizwe eli, phakathi kwamaKanan, naphakathi kwamaPerizi; ndibantu bambalwa nje mna, baya kundihlanganyela, bandibulale, nditshatyalaliswe mna, nendlu yam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10