-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Génesis 37:11|
Abakhuluwa bakhe bammonela, ke yena uyise waligcina eli lizwi.
-
12
|Génesis 37:12|
Ke kaloku abakhuluwa bakhe baya kwalusa impahla emfutshane kayise kwaShekem.
-
13
|Génesis 37:13|
USirayeli wathi kuYosefu, Abakhuluwa bakho abalusi eShekem na? Yiza, ndikuthume kubo.
-
14
|Génesis 37:14|
Wathi yena kuye, Ndilapha. Wathi kuye, Khawuye kukhangela ukuphila kwabakhuluwa bakho, nokuphila kwempahla emfutshane; ubuye uze kundixelela. Wamthuma ke, emsusa entilini yaseHebron, waya eShekem.
-
15
|Génesis 37:15|
Wafunyanwa ngumfo, ebhadula endle; umfo lowo wambuza wathi, Ufuna ntoni na?
-
16
|Génesis 37:16|
Wathi, Ndifuna abakhuluwa bam; khawundixelele apho balusa khona.
-
17
|Génesis 37:17|
Wathi umfo, Bandulukile apha, kuba khendeva besithi, Masiye eDotan. UYosefu wabalandela abakhuluwa bakhe, wabafumana eDotan.
-
18
|Génesis 37:18|
Bambona ke esekude, engekasondeli kubo, benza iyelenqe lokumbulala.
-
19
|Génesis 37:19|
Bathetha omnye komnye besithi, Nanko lo mphuphi esiza.
-
20
|Génesis 37:20|
Yizani ke ngoko, simbulale, simphose komnye wemihadi, sithi, Udliwe lirhamncwa, size sibone ukuba amaphupha akhe oba yintoni na.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40