-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Génesis 38:21|
Sabuza kubantu baloo ndawo, sathi, Liphi na ingÂ’awukazi ebe lise-Enayim ngasendleleni? Bathi, Akubangakho ngÂ’awukazi apha.
-
22
|Génesis 38:22|
Sabuyela kuYuda sathi, Andilifumananga; nabo abantu baloo ndawo bathe, Akubangakho ngÂ’awukazi apha.
-
23
|Génesis 38:23|
Wathi uYuda, Malizithabathe, hleze sidelwe. Yabona, ndithumele eli takane, ke wena akulifumananga.
-
24
|Génesis 38:24|
Kwathi, emva kweenyanga ezintathu, waxelelwa uYuda kwathiwa, UTamare, umolokazana wakho, uhenyuzile; kananjalo, yabona, umithi ngokuhenyuza oko. UYuda wathi, Mkhupheni atshiswe.
-
25
|Génesis 38:25|
Akukhutshwa, wathumela yena kuyisezala, wathi, Ndimithiswe yindoda ezizezayo ezi zinto; wathi, Khawufanise ukuba ngokabani na lo msesane, nesi sidanga, nalo msimelelo.
-
26
|Génesis 38:26|
Wazifanisa uYuda, wathi, Ulilungisa kunam; wenze kuba ndingamnikanga uShela, unyana wam. Akabanga sabuya amazi.
-
27
|Génesis 38:27|
Kwathi, ngexesha lokuzala kwakhe, nanku ingamawele esizalweni sakhe.
-
28
|Génesis 38:28|
Kwathi, ekuzaleni kwakhe, kwavela isandla; wathabatha umzalisikazi, wabopha esandleni salo usinga olubomvu, esithi, Eli laphuma kuqala.
-
29
|Génesis 38:29|
Kuthe ke, lakusibuyisa isandla salo, nanko kuphuma umzalwana walo. Wathi, Yini na ukuba uzityhobozele? Wathiywa ke igama lokuba nguPeretse.
-
30
|Génesis 38:30|
Kwathi emva koko, kwaphuma umzalwana walo, obenosinga olubomvu esandleni sakhe; wathiywa igama lokuba nguZera.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7