-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Génesis 41:21|
angena embilinini wawo akwazeka ukuba angenile embilinini wawo; imbonakalo yawo yambi, njengasekuqaleni. Ndaphaphama.
-
22
|Génesis 41:22|
Ndabona ephupheni lam, izikhwebu ezisixhenxe ziphuma micingeni mnye, zichumile, zilungile;
-
23
|Génesis 41:23|
nanzo, izikhwebu ezisixhenxe zishwabene, zingcakacile, zitshile lulophu lwasempumalanga, zihluma emva kwazo.
-
24
|Génesis 41:24|
Zesuka izikhwebu ezingcakacileyo, zaziginya izikhwebu ezisixhenxe ezilungileyo. Ndathetha nezazi; akukho bani kuzo undixelelayo.
-
25
|Génesis 41:25|
UYosefu wathi uFaro, Iphupha likaFaro linye; uThixo umxelele uFaro oko aya kukwenza.
-
26
|Génesis 41:26|
Amathokazi asixhenxe alungileyo yiminyaka esixhenxe; izikhwebu ezisixhenxe ezilungileyo yiminyaka esixhenxe; iphupha eli linye.
-
27
|Génesis 41:27|
Amathokazi asixhenxe angamarhoqorhoqo, amabi, anyukileyo aphuma emva kwalawo, yiminyaka esixhenxe; nezikhwebu ezisixhenxe ezinqinileyo, ezitshileyo lulophu lwasempumalanga, ziya kuba yiminyaka esixhenxe yendlala.
-
28
|Génesis 41:28|
Lelo lizwi ndilithethileyo kuFaro lokuthi: oko aya kukwenza uThixo ukubonisile kuFaro.
-
29
|Génesis 41:29|
Yabona, kuza iminyaka esixhenxe yendyebo enkulu ezweni lonke laseYiputa;
-
30
|Génesis 41:30|
ze kuvele iminyaka esixhenxe yendlala emva kwaleyo, ilityalwe yonke indyebo ezweni laseYiputa, indlala iligqibe ilizwe;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 6-8