-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Génesis 42:11|
Sonke siphela singoonyana bamfo mnye; siyalungisa, abakhonzi bakho abazizo iintlola.
-
12
|Génesis 42:12|
Wathi kubo, Hayi, nize kubona ubuze belizwe eli.
-
13
|Génesis 42:13|
Bathi, Abakhonzi bakho balishumi elinababini; siyazalana, singoonyana bamfo mnye ezweni lakwaKanan. UYabona, omncinane ukubawo namhla, omnye akakho.
-
14
|Génesis 42:14|
Wathi uYosefu kubo, Yile nto bendiyithetha kuni, ndisithi, Niziintlola.
-
15
|Génesis 42:15|
Niya kucikidwa ngale ndawo: ehleli nje uFaro, anisayi kuphuma apha, ukuba akathanga eze apha umninawa wenu omncinane.
-
16
|Génesis 42:16|
Thumani omnye kuni apha, aphuthume umninawa wenu, nikhonkxwe nina; acikidwe amazwi enu ukuba ninenyaniso na; ukuba akubanga njalo, ehleli nje uFaro, inene noba niziintlola.
-
17
|Génesis 42:17|
Wabanikela bonke elugcinweni imihla yamithathu.
-
18
|Génesis 42:18|
UYosefu wathi kubo ngomhla wesithathu, Yenzani oku, niphile; kuba ndiyamoyika uThixo.
-
19
|Génesis 42:19|
Ukuba ninyanisile, omnye umzalwana kuni apha makakhonkxwe endlwini yokugcinwa kwenu, nihambe nina, niyise ingqolowa ngenxa yendlala yezindlu zenu.
-
20
|Génesis 42:20|
Umninawa wenu omncinane nimzise kum; okholeka ke amazwi enu, ningafi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40