-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Génesis 44:1|
Wamwisela umthetho umphathi wendlu, esithi, Zizalise iingxowa zala madoda ngokudla, njengoko zinako ukukhongozela, uyibeke imali yalowo nalowo emlonyeni wengxowa yakhe;
-
2
|Génesis 44:2|
uyibeke indebe yam, indebe yesilivere, emlonyeni wengxowa yomncinane, nemali yengqolowa yakhe. Wenza ke ngokwelizwi likaYosefu abelithethile.
-
3
|Génesis 44:3|
Kwakuthi qhiphu ukusa, andululwa loo madoda, wona namaesile awo.
-
4
|Génesis 44:4|
Akubona ukuba aphumile emzini, engekayi kude, wathi uYosefu kumphathi wendlu yakhe, Suka, uwasukele laa madoda; wakuwafumana uze uthi kuwo, Yini na ukuba niphindezele okulungileyo ngokubi?
-
5
|Génesis 44:5|
Le nto asiyile na inkosi yam isela ngayo, ihlabe nezihlabo ngayo? Yinto embi le nto niyenzileyo.
-
6
|Génesis 44:6|
Wawafumana, wathetha kuwo loo mazwi.
-
7
|Génesis 44:7|
Athi kuye, Yini na ukuba inkosi yam ithethe ngokwaloo mazwi? Makube lee kubakhonzi bakho ukwenza ngokwelo lizwi.
-
8
|Génesis 44:8|
Uyabona, imali esayifumanayo emlonyeni weengxowa zethu, sayibuyisela kuwe, sivela ezweni lakwaKanan. Singathini na ke ukuba endlwini yenkosi yakho isilivere nokuba yigolide?
-
9
|Génesis 44:9|
Osukuba ifunyenwe kuye phakathi kwabakhonzi bakhe, makafe; kananjalo thina sibe ngamakhoboka enkosini yam.
-
10
|Génesis 44:10|
Wathi, Makube njengokwamazwi enu; ke ngoko osukuba ifunyenwe kuye, woba sisicaka sam, ke nina noba msulwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40