-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Génesis 49:21|
UNafetali yimazi yexhama ekhululweyo, ukhupha amazwi amahle.
-
22
|Génesis 49:22|
NguGatya lomthi oqhamayo uYosefu, UGatya lomthi oqhamayo ngasemthonjeni, Omasebe aqabele eludongeni.
-
23
|Génesis 49:23|
UBamcubunga bamtola, Bamchasa abatoli;
-
24
|Génesis 49:24|
USihlala sithe nkqi isaphetha sakhe, UMikhono yezandla zakhe inokusityeda, Ngezandla zembalasane kaYakobi, Khona apho akhoyo umalusi, ilitye likaSirayeli;
-
25
|Génesis 49:25|
NgoThixo wooyihlo—akuncede, NgoSomandla—akusikelele, Ibe ziintsikelelo zamazulu ezivela phezulu, Iintsikelelo zamanzi enzonzobila alele ezantsi, Iintsikelelo zamabele, nezesizalo.
-
26
|Génesis 49:26|
Iintsikelelo zikayihlo Zizigqithile iintsikelelo zomawokhulu, Zasa nasemdeni weentaba zanini; Mazibe sentloko kuYosefu, Ebuchotsheni bobalulweyo kubazalwana bakhe!
-
27
|Génesis 49:27|
UBhenjamin yingcuka eqwengayo; Kusasa uya kudla okuphangiweyo, Ngokuhlwa uya kwaba okuthinjiweyo.
-
28
|Génesis 49:28|
Bonke aba zizizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini; yiyo leyo into awayithethayo kubo uyise, wabasikelela; elowo ngokwentsikelelo yakhe wabasikelela.
-
29
|Génesis 49:29|
Wabawisela umthetho, wathi kubo, Ndiza kuhlanganiselwa kwabakowethu; ndingcwabeni noobawo emqolombeni osentsimini kaEfron umHiti,
-
30
|Génesis 49:30|
emqolombeni osentsimini yaseMakapela, ophambi kowakwaMamre, ezweni lakwaKanan, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi kuEfron umHiti, ukuba abe nendawo eyiyeyakhe yokungcwaba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40