-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Génesis 50:11|
Basibona abemi belo zwe, amaKanan, isijwili esandeni sika-Atadi, bathi, Sikhulu esi sijwili kumaYiputa; ngenxa yoko kwathiwa igama laso yiAbhele-mitserayim, ephesheya kweYordan.
-
12
|Génesis 50:12|
Oonyana bakhe benza ke kuye njengokuyolela kwakhe.
-
13
|Génesis 50:13|
Bamthwala oonyana bakhe, bamsa ezweni lakwaKanan, bamngcwaba emqolombeni wentsimi yaseMakapela, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi, ukuba ube yindawo eyiyeyakhe yokungcwaba, kuEfron umHiti phambi kowakwaMamre.
-
14
|Génesis 50:14|
UYosefu wabuyela eYiputa ke, yena nabazalwana bakhe, nabo bonke abenyuka naye beya kumngcwaba uyise, emva kokungcwaba kwakhe uyise.
-
15
|Génesis 50:15|
Ke kaloku abakhuluwa bakaYosefu babona ukuba uyise wabo ufile, bathi, Azi uYosefu uya kusitshutshisa na, abubuyisele kanye na kuthi bonke ububi esimenzele bona?
-
16
|Génesis 50:16|
Bathumela kuYosefu, besithi, Uyihlo wayolela phambi kokufa kwakhe, wathi,
-
17
|Génesis 50:17|
Notsho kuYosefu ukuthi, Khawuluxolele ukreqo lwabakhuluwa bakho, nesono sabo sokuba bekwenze into embi; ngoko khawuluxolele ukreqo lwabakhozi boThixo wooyihlo. Walila uYosefu ekuthetheni kwabo kuye.
-
18
|Génesis 50:18|
Baya nabakhuluwa bakhe, baziphosa phantsi phambi kwakhe, bathi, Yabona, singabakhonzi bakho.
-
19
|Génesis 50:19|
Wathi uYosefu kubo, Musani ukoyika; ndisesikhundleni sikaThixo yini na?
-
20
|Génesis 50:20|
Nina nacinga ububi ngam; ke yena uThixo wacinga okulungileyo, ukuze kuthi, njengoko kwenzekileyo namhla, kusinde abantu abaninzi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5