-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Génesis 8:1|
UThixo wamkhumbula uNowa, neento zonke eziphilileyo, nezinto zonke ezizitho zine ezazinaye emkhombeni; uThixo wahambisa umoya ehlabathini, awutha amanzi.
-
2
|Génesis 8:2|
Yavingcwa imithombo yamanzi enzonzobila neengcango zezulu, wathintelwa umvumbi wezulu.
-
3
|Génesis 8:3|
Abuya amanzi emhlabeni, amana ebuya, awutha amanzi ekupheleni kwemihla elikhulu elinamanci mahlanu.
-
4
|Génesis 8:4|
Umkhombe wazimisa ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, phezu kweentaba zaseArarati.
-
5
|Génesis 8:5|
Amanzi amana ewutha, kwada kwayinyanga yeshumi; ngeyeshumi ke, ngosuku lokuqala enyangeni leyo, zabonakala iincopho zeentaba.
-
6
|Génesis 8:6|
Kwathi, ekupheleni kwemihla emashumi mane, wayivula uNowa ifestile yomkhombe abeyenzile;
-
7
|Génesis 8:7|
wathuma ihlungulu, laphuma lamana lizulazula, ada atsha amanzi ehlabathini.
-
8
|Génesis 8:8|
Wasusa ihobe, ukuze abone ukuba amanzi awuthile na phezu kwehlabathi.
-
9
|Génesis 8:9|
Ihobe alifumananga ndawo yakuphumza nentende yethupha lalo, labuyela kuye emkhombeni, ngokuba amanzi abephezu kwehlabathi lonke; wolula isandla sakhe, walithabatha, walingenisa kuye emkhombeni.
-
10
|Génesis 8:10|
Walinda eminye imihla esixhenxe, waphinda walisusa ihobe emkhombeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7