-
-
Xhosa
-
-
1
|Juan 4:1|
Ithe ngoko iNkosi, yakwazi ukuba abaFarisi bavile ukuba uYesu ugqithisile kuYohane ngokwenza nokubhaptiza abafundi
-
2
|Juan 4:2|
(nakubeni ke uYesu ngokwakhe ebengabhaptizi, bekubhaptiza abafundi bakhe),
-
3
|Juan 4:3|
yalishiya yona elakwaYuda, yabuya yaya kwelaseGalili.
-
4
|Juan 4:4|
Ibimelwe ke kukuthi icande kwela maSamariya.
-
5
|Juan 4:5|
Ifike ke emzini welamaSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nomhlaba awathi uYakobi wawunika uYosefu unyana wakhe.
-
6
|Juan 4:6|
Ke kaloku umthombo kaYakobi ubukhona. Uthe ke ngoko uYesu, ebulalekile kukuhamba, wahlala enjalo phezu komthombo; ilixa ngathi belilelesithandathu.
-
7
|Juan 4:7|
Kufika intokazi yelamaSamariya, isiza kukha amanzi, athi uYesu kuyo, Ndiphe ndisele.
-
8
|Juan 4:8|
(Kuba abafundi bakhe bebemke baya kuthenga ukudla emzini apho.)
-
9
|Juan 4:9|
Ithi ngoko intokazi engumSamariyakazi kuye, Uthini na wena, ungumYuda nje, ukucela kum into eselwayo, ndingumSamariyakazi nje? Kuba akanabudlelane amaYuda namaSamariya.
-
10
|Juan 4:10|
Waphendula uYesu wathi kuyo, Ukuba ubusazi isipho sikaThixo, nokuba ngubani na lo uthi kuwe, Ndiphe ndisele: unge ucele kuye wena, wakupha amanzi aphilileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40