-
-
Xhosa
-
-
21
|Juan 4:21|
Athi uYesu kuyo, Ntokazindini, kholwa ndim, ukuba kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo.
-
22
|Juan 4:22|
Nina ninqula eningakwaziyo; thina sinqula esikwaziyo; ngokuba usindiso luphuma kumaYuda.
-
23
|Juan 4:23|
Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.
-
24
|Juan 4:24|
UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.
-
25
|Juan 4:25|
Ithi intokazi kuye, Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, ekuthiwa nguKristu; xa athe weza yena, uya kusityela izinto zonke.
-
26
|Juan 4:26|
Athi uYesu kuyo, Mna ndithethayo nawe ndinguye.
-
27
|Juan 4:27|
Kwathi kwangoko bafika abafundi bakhe, bamangaliswa kukuba athethe nomntu oyinkazana; noko ke akubangakho namnye owathi. Ufuna ntoni na? nowathi, Yini na ukuba uthethe nayo?
-
28
|Juan 4:28|
Yawushiya ngoko umphanda wayo intokazi, yemka yaya ekhaya; ithi ebantwini,
-
29
|Juan 4:29|
Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza; lo akangebi nguye uKristu yini na?
-
30
|Juan 4:30|
Baphuma ke ekhaya, baye besiza kuye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34