-
-
Xhosa
-
-
31
|Juan 4:31|
Ke kaloku, kweso sithuba abafundi babemthandaza, besithi, Rabhi, yidla.
-
32
|Juan 4:32|
Uthe ke yena kubo, Mna ndinokudla endikudlayo, eningakwaziyo nina.
-
33
|Juan 4:33|
Babethetha bodwa ngoko abafundi, besithi, Ingaba kukho omziseleyo na ukudla?
-
34
|Juan 4:34|
Athi uYesu kubo, Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe.
-
35
|Juan 4:35|
Anitsho na nina ukuthi, Iinyanga zisene, kuze kufike ukuvuna? Yabonani, ndithi kuni, Waphakamiseni amehlo enu, niwakhangele amasimi; ngokuba aselemhlophe ukuba kuvunwe.
-
36
|Juan 4:36|
Novunayo wamkela umvuzo, abuthele iziqhamo ebomini obungunaphakade, ukuze nalowo uhlwayelayo avuye, kunye nalowo uvunayo.
-
37
|Juan 4:37|
Kuba likule nto ilizwi eliyinyaniso, eli lithi, Omnye uyahlwayela, nomnye avune.
-
38
|Juan 4:38|
Mna ndanithuma ukuvuna oko ningabulalekanga kuko nina; abanye babulalekile, naza nangena nina ekubulalekeni kwabo.
-
39
|Juan 4:39|
Ke kaloku, kwakholwa kuye into eninzi yamaSamariya kuloo mzi, ngenxa yelizwi lentokazi leyo, yangqinayo yathi, Undityele izinto zonke endakha ndazenza.
-
40
|Juan 4:40|
Akufika ngoko kuye amaSamariya, amcela ukuba ahlale nawo; wahlala khona ke imihla emibini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40