-
-
Xhosa
-
-
11
|Juan 4:11|
Ithi intokazi kuye, Nkosi, akunanto yakukha, nequla linzulu; uwazuza phi na ke amanzi aphilileyo lawo?
-
12
|Juan 4:12|
Wena umkhulu yini na kunobawo wethu uYakobi, owasinikayo iqula eli, wayesela kulo yena, nabantwana bakhe, nemfuyo yakhe?
-
13
|Juan 4:13|
Waphendula uYesu wathi kuyo, Bonke abasela kula manzi, baya kubuya banxanwe;
-
14
|Juan 4:14|
ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.
-
15
|Juan 4:15|
Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiphe loo manzi, ukuze ndinganxanwa, ndingezi nokuza kukha apha.
-
16
|Juan 4:16|
Athi uYesu kuyo, Hamba uye kubiza indoda yakho, uze apha.
-
17
|Juan 4:17|
Yaphendula intokazi yathi, Andinandoda. Athi uYesu kuyo, Ulungisile ukuthi, Andinandoda;
-
18
|Juan 4:18|
kuba ubunamadoda amahlanu; onayo ngoku asindoda yakho, unyanisile ukutsho.
-
19
|Juan 4:19|
Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiyabona ukuba ungumprofeti wena.
-
20
|Juan 4:20|
Oobawo bethu babenqula kule ntaba; nina ke nithi iseYerusalem indawo apho abantu bamelwe kukunqula khona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38