-
-
Xhosa
-
-
52
|Juan 11:52|
kungabi ngenxa yohlanga olo lodwa, kube ngenxa yabantwana bakaThixo abalusali, ukuba abahlanganisele ndawonye.
-
53
|Juan 11:53|
Kususela kuloo mini ngoko babhunga ukuba bambulale.
-
54
|Juan 11:54|
Ngoko uYesu akabanga sahamba ekuhleni phakathi kwamaYuda; wasuka wemka apho, waya ezweni elikufuphi nentlango, emzini ekuthiwa kukwaEfrayim; walibala khona apho nabafundi bakhe.
-
55
|Juan 11:55|
Ke kaloku yayikufuphi ipasika yamaYuda; kwenyuka into eninzi iphuma kwelo zwe, yaya eYerusalem phambi kwayo ipasika, ukuze izenze nyulu.
-
56
|Juan 11:56|
Ayemfuna ngoko uYesu, ethetha odwa, emi etempileni, esithi, Nithini na? akasayi kuza na emthendelekweni?
-
57
|Juan 11:57|
Ke kaloku ababingeleli abakhulu nabaFarisi babewise umthetho wokuthi, ukuba umntu uthe wazi apho akhona, maze axele, ukuze bambambe.
-
1
|Juan 12:1|
UYesu ngoko, kwiintsuku ezintandathu eziphambi kwayo ipasika, weza eBhetani, apho ebekhona uLazaro owayefile, awamvusayo kwabafileyo.
-
2
|Juan 12:2|
Ngoko bamenzela isidlo khona, waye uMarta elungiselela; uLazaro ke ebengomnye wabo babehleli naye besidla.
-
3
|Juan 12:3|
Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi engangxengelelweyo, exabiso, likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo.
-
4
|Juan 12:4|
Uthi ngoko omnye umfundi wakhe, uYuda Sikariyoti, okaSimon, lowo ubeza kumngcatsha,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Crónicas 10-13