-
-
Xhosa
-
-
25
|Juan 12:25|
Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade.
-
26
|Juan 12:26|
Ukuba ubani uthi andikhonze, makandilandele; apho ndikhona mna, woba khona apho nondikhonzayo; ukuba umntu uthi andikhonze, uBawo wombeka.
-
27
|Juan 12:27|
Kukalokunje umphefumlo wam ukhathazekile, mandithini na? Bawo, ndisindise kweli lixa. Hayi, ndizele khona oku kweli lixa.
-
28
|Juan 12:28|
Bawo, lizukise igama lakho. Kweza ngoko izwi liphuma ezulwini, lisithi, Ndilizukisile, ndiya kubuya ndilizukise.
-
29
|Juan 12:29|
Isihlwele ngoko esasimi seva, sathi, Liyaduduma. Abanye bathi, Kuthethe isithunywa sezulu kuye.
-
30
|Juan 12:30|
Waphendula uYesu wathi, Eli lizwi alibangakho ngenxa yam; libekho ngenxa yenu.
-
31
|Juan 12:31|
Kungoku ukugwetywa kwalo eli hlabathi; kungoku umphathi walo eli hlabathi aya kukhutshelwa phandle.
-
32
|Juan 12:32|
Mna ke, ukuba ndithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum.
-
33
|Juan 12:33|
(Wayesitsho ke, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako.)
-
34
|Juan 12:34|
Samphendula isihlwele sathi, Thina sivile emthethweni, ukuba uKristu yena uhlala ngonaphakade; utsho ngani na wena ukuthi, UNyana woMntu umelwe kukuthi aphakanyiswe? Ungubani na lo Nyana woMntu?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34