-
-
Xhosa
-
-
35
|Juan 12:35|
Uthe ngoko uYesu kubo, Liselilifutshane ixesha lokuba ukhanyiso lube nani. Hambani, nisenalo nje ukhanyiso, ukuze ubumnyama bunganiqubuli; lowo uhamba ebumnyameni, akazi apho aya khona.
-
36
|Juan 12:36|
Nisenalo nje ukhanyiso, kholwani kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngabokhanyiso. Wazithetha uYesu ezi zinto, wemka, wabazimela.
-
37
|Juan 12:37|
Ke kaloku, nakuba wayenze imiqondiso engaka phambi kwabo, abakholwanga kuye;
-
38
|Juan 12:38|
ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke, awalithethayo esithi, Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu? Nengalo yeNkosi ityhileke kubani na?
-
39
|Juan 12:39|
Ngenxa yoku babengenako ukukholwa, ngokuba uIsaya ubuya athi,
-
40
|Juan 12:40|
Uwamfamekisile amehlo abo, Uyiqaqadekisile nentliziyo yabo, Hleze babone ngamehlo, baqiqe ngentliziyo, Bajike, Ndibaphilise.
-
41
|Juan 12:41|
Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye.
-
42
|Juan 12:42|
Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi yayingavumi ngamlomo, hleze ikhutshwe esikhungwini;
-
43
|Juan 12:43|
kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo.
-
44
|Juan 12:44|
Ke yena uYesu wadanduluka wathi, Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum, ukholwa kulowo wandithumayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34