-
-
Xhosa
-
-
45
|Juan 12:45|
Lowo undibonayo, ubona owandithumayo.
-
46
|Juan 12:46|
Mna, lukhanyiso, ndifikile ehlabathini, ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni.
-
47
|Juan 12:47|
Nokuba umntu uthe weva amazwi la am, akakholwa, mna andimgwebi; kuba andize kuligweba ihlabathi, ndize kulisindisa ihlabathi.
-
48
|Juan 12:48|
Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.
-
49
|Juan 12:49|
Ngokuba mna andithethanga okuphuma kum; owandithumayo, uBawo ngokwakhe, nguye owandiwisela umthetho wokuba ndithini na, nokuba ndithethe ntoni na.
-
50
|Juan 12:50|
Ndiyazi nokwazi ukuba umthetho wakhe lowo bubomi obungunaphakade. Ngoko izinto endizithethayo mna, njengoko uBawo andixeleleyo, ndenjenjalo ukuzithetha.
-
1
|Juan 13:1|
Ke kaloku, phambi komthendeleko wepasika, esazi uYesu ukuba lifikile ilixa lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise, ebathandile abakhe abasehlabathini, wabathanda kwada kwasekupheleni.
-
2
|Juan 13:2|
Kwakubakho isidlo sangokuhlwa (akubonÂ’ ukuba uMtyholi selekufakile entliziyweni kaYuda Sikariyoti, okaSimon, ukuba amngcatshe),
-
3
|Juan 13:3|
esazi uYesu ukuba uYise uzinikele zonke izinto ezandleni zakhe, nokuba waphuma kuThixo, esiya kuThixo:
-
4
|Juan 13:4|
usuka esidlweni, azibeke phantsi iingubo zakhe, athabathe itawuli abhinqe;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34