-
-
Xhosa
-
-
15
|Juan 13:15|
Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenze ngako mna kuni.
-
16
|Juan 13:16|
Inene, inene, ndithi kuni, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe, namthunywa umkhulu kunalowo umthumileyo.
-
17
|Juan 13:17|
Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.
-
18
|Juan 13:18|
Andithethi ngani, nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo; oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe.
-
19
|Juan 13:19|
Ndiqala kwangoku ukunixelela kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe ukuba ndinguye.
-
20
|Juan 13:20|
Inene, inene, ndithi kuni, Lowo wamkela endithe ndamthuma, wamkela mna; lowo wamkela mna ke, wamkela owandithumayo.
-
21
|Juan 13:21|
Ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha.
-
22
|Juan 13:22|
Baye ngoko abafundi bekhangelana, bethingaza ukuba uthetha bani na.
-
23
|Juan 13:23|
Ke kaloku, bekwayame esifubeni sikaYesu omnye umfundi wakhe, obethandwa nguYesu.
-
24
|Juan 13:24|
Unqwala ngoko uSimon Petros kulowo, ukuba abuze ukuba angaba uthetha bani na.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34