-
-
Xhosa
-
-
35
|Juan 13:35|
Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.
-
36
|Juan 13:36|
Wathi uSimon Petros kuye, Nkosi, uya ngaphi na wena? Umphendule uYesu wathi, Apho ndiya khona, akunakundilandela kalokunje; wondilandela ke kamva.
-
37
|Juan 13:37|
Uthi uPetros kuye, Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nako ukukulandela ngoku? Ndiya kuwuncamela wena umphefumlo wam.
-
38
|Juan 13:38|
Wamphendula uYesu wathi, Wowuncamela mna na umphefumlo wakho? Inene, inene, ndithi kuwe, Ayisayi kulila inkuku, ungathanga undikhanyele kathathu.
-
1
|Juan 14:1|
Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo, nikholwe nakum.
-
2
|Juan 14:2|
Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo;
-
3
|Juan 14:3|
ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.
-
4
|Juan 14:4|
Apho ke ndiya khona mna niyakwazi, nendlela niyayazi.
-
5
|Juan 14:5|
Uthi uTomas kuye, Nkosi, asazi apho uya khona; singathini na ke ukuyazi indlela?
-
6
|Juan 14:6|
Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32