-
-
Xhosa
-
-
27
|Juan 14:27|
Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki njengokunika kwehlabathi. Mayingakhathazeki intliziyo yenu, mayingabi nabugwala.
-
28
|Juan 14:28|
Nivile ukuba ndithe mna kuni, Ndiyemka, ndibuye ndize kuni. Ukuba benindithanda, ngenavuyayo kuba ndathi, Ndiya kuBawo; ngokuba uBawo mkhulu kunam.
-
29
|Juan 14:29|
Ngoku ke ndinixelele kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe.
-
30
|Juan 14:30|
Andisayi kuba sathetha zinto zininzi nani; kuba esiza umphathi weli hlabathi, engenanto nam.
-
31
|Juan 14:31|
Ke, ukuze liqonde ihlabathi ukuba ndiyamthanda uBawo, ndenza njengoko uBawo andiwisele umthetho. Vukani, simke apha.
-
1
|Juan 15:1|
Mna ndingumdiliya wenyaniso, umlimi wawo ke nguBawo.
-
2
|Juan 15:2|
Amasebe onke akum angathwali siqhamo, uyawasusa; onke athwala isiqhamo uyawathena, ukuze athwale isiqhamo ngakumbi.
-
3
|Juan 15:3|
Nina nisenihlambulukile, ngenxa yelizwi endilithethileyo kuni.
-
4
|Juan 15:4|
Hlalani kum, mna ndihlale kuni. Njengokuba isebe lingenako ukuthwala isiqhamo ngokwalo, lingahlalanga emdiliyeni, ngokunjalo aninako nani, ningahlalanga kum.
-
5
|Juan 15:5|
Umdiliya ndim, nina ningamasebe; lowo uhleli kum, ndibe mna ndihleli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi; ngokuba, ningekum, aninakwenza nto.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32