-
-
Xhosa
-
-
17
|Juan 14:17|
uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.
-
18
|Juan 14:18|
Andiyi kunishiya niziinkedama, ndiyeza kuni.
-
19
|Juan 14:19|
Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona; ke nina niyandibona; ngokuba ndisidla ubomi mna, nani niya kudla ubomi.
-
20
|Juan 14:20|
Ngaloo mini niya kwazi nina ukuba ndikuye uBawo, nani nikum, nam ndikuni.
-
21
|Juan 14:21|
Lowo unayo imithetho yam ayigcine, nguye ondithandayo; lowo ke undithandayo, uya kuthandwa nguBawo; nam ndiya kumthanda, ndizibonakalalise kuye.
-
22
|Juan 14:22|
Athi kuye uYuda (ingenguye uSikariyoti), Nkosi, kutheni na, le nto uza kuzibonakalalisa kuthi, ungazibonakalalisi kulo ihlabathi?
-
23
|Juan 14:23|
Waphendula uYesu wathi kuye, Ukuba umntu uyandithanda, woligcina ilizwi lam; wothi uBawo amthande, size kuye, sihlale naye.
-
24
|Juan 14:24|
Lowo ungandithandiyo akawagcini amazwi am; ilizwi enilivayo asililo elam, lelikaBawo owandithumayo.
-
25
|Juan 14:25|
Ezi zinto ndizithethile kuni ndisahleli nani.
-
26
|Juan 14:26|
Ke uMthetheleli, uMoya oyiNgcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32